Iziphumo zemfundo ziyaxhalabisa

IZIPHUMO zemviwo ze-Annual National Assessment ezibhengezwe ngumphathiswa wezemfundo u-Angie Motshekga kule veki zibonakalise intlekele eyehlayo kwizikolo zaseMzantsi Afrika.


Xa ishumi elinesithathu ekhulwini (13%) labafundi bebanga lesixhenxe bengakwazi ukubala, liphi ithemba lokuba eli lizwe lakuze likhuphe iinjineli esizidinga kunene?


UMotshekga uthe xa ebhengeza ezi ziphumo, wancoma ukwenyuka kwenani ekhulwini lwabafundi abakwazi ukubhala, ukufunda nokubala.


Ikho ingxaki apho kuba akukhonto incomekayo xa isiqingatha sabafundi sixakwa zezona ziseko zemfundo – ukubala nokufunda.


Kwibanga lokuqala (Grade 3), i42% iyakwazi ukubala ngelixa i52% ikwazi ukufunda ngokusemgangathweni. Elinani linyuke ukusuka ku28% no35% kunyaka ophelileyo.


Kwibanga lesine (Grade 6), yi-27% qha elabakwazi ukwenza izibalo ngelixa i43% iyeyabo bazi ulwimi lwasekhaya ne36% ingcemba kulwimi olongezelweyo.


Kwibanga lesixhenxe (Grade 9), bangaphaya kwe50% abaxakwa kukufunda nokubhala. Njengoko kuqosheliswa lonyaka kulungiselelwa ozayo kwezemfundo, mabalungiselele ukunyusa izinga lemfundo.


subscribe