Iziko lemveku lifumene inkxaso

INDAWO ehlala abantwana abakhubazekilyo e-Motherwell izibone iwelwa ngumqa esandleni ngemini yeCasual Day.


Le-day care centre ifumene izixhobo zasekhitshini ezixabisa amashumi amabini amawaka erandi kwa-Finro Jumbo Cash and Carry.


Lendawo inakekela abantwana abamashumi amathathu, ukusukela kunyaka uyokutsho kwiminyaka esixhenkxe.


Abantwana banakwekelwa ngononophelo nangenkathalo, banaye nonontlalontle oye emane ebavelela kanye evekini, benabo nabantu absthandathu ababanakekelayo.


Akuphelelanga apho nje kuphela, kule-day care, koko bafundiselwa nemfundo yamabanga aphezulu.


"Abantwana abahlala kulendawo emini besuka kumakhaya ahlelelekileyo, kwaye abazali babo baye bangakwazi ukufikelela kwindleko zamayeza abawasebenzisayo.


"Baphinde bangakwazi nokufikelela kwi-treatment abayisebenzisayo. Abazali babo basithembile ngabantwana babo" utshilo omnye wabasebenzi balendawo u-Phumla Ngculu


Kutshanje bafumene iimbiza, iisepha zokuhlamba impahla,ubisi, ipapa, iisuphu kwakunye nengubo.


Omnye wabasebenzi balendawo u-Ncediswa Mandaba uvakalise uchulumanco ngezinto abazifumeneyo.


"Ndiziva ndonwabe kakhulu kuba lomsebenzi siwenzayo awukho lula, ndiyavuya xa kuye kubekho abasixhasayo nabazibonayo izinto ezidingwa ngaba bantwana,"utshilo u-Mandaba.


subscribe