Izandla zinengeniso enkulu


UNEMINYAKA elishumi eyi-Plumber kodwa nangoku zikhe zibe khona izinto eziye zimxake ngomsebenzi wakhe kuba izixhobo nendlela abasebanza ngayo iyaguquguquka.


U-Monwabisi Runeli ohlala e-NU11 ominyaka emashumi amane uqale ukuwuthanda lomsebenzi ngexa wayesebenza ngokwakha izindlu.


"Kulendawo ndandisakha kuyo kwakusenziwa i-Water Tower, waze wanda umdla wam kuba ndingumntu othanda ukusebenza ngezanda," utshilo utata u-Runeli.


Emveni kokubona ukuba kusetyenzwa njani kwa-Plumbing uhambile wayokwenza izifundo zayo.


"Ngo 2000 ndihambile ndaya kufundela ubu-Plumber e-Monti inyanga ezintathu, ndabuyela apha e-Bhayi emva kokufumana isiqinisekiso," utshilo u-Runeli.


Ufike e-Bhayi ngo2000 njalo, waze waqala umsebenzi wakhe njenge-Plumber kwizindlu eza zisakhiwa KwaNobuhle omdala e-Tinarha ngo2001. "Ukuwuqala kwam lomsebenzi bendisebenza kwezi zindlu ze-RDP iminyaka emithathu. Emva koko ndisebenzele enye inkampani eseDasi eyayi bizwa TJ plumbers. "Nalapho ndandine-contract ndasebenza iminyaka emibini, " utshilo u-Runeli.


Eyonanto ayithandayo ngomsebenzi wakhe kukuba noba umntu akakho phansti kwankampani, uyakwazi ukuzenzela imali.


"Mna ndiyaziwa ukuba ndiyi-Plumber, abantu bayandibiza ukuba mandibenzele umsebenzi, ngolohlobo ndiyakwazi ukubeka isonka etafileni," utshilo u-Runeli.


Wongeze ngelithi umsebenzi wobu-Plumber uyabhida , ngoba izinto abasebenza ngazo ziyatshintsha maxa wonke, "Umzekelo ezi solar geyser zintsha azifani neza zakudala, ufunda into entsha rhoqo."


subscribe