Itishala ephume izandla


UTHANDO olungazenzisiyo lomsebenzi nokuzinikela kuwo ngomnye woondoqo kwindlela yempumelelo.


Oko kungqinwa ngumfundisi-ntsapho u-Thanduxolo Isaac Tsene, ohlala e-NU11, oneminyaka elishumi engumfundisi ntsapho, nonkqubela-phambili yakhe ibubungqina nomzekelo.


Umsebenzi wokuhlohla wawuchonga esekwibanga lesibhozo, wazixelela oko kuba likhondo elo ayakulandela ebomini.


Eqalisile ukuhlohla ngo 2003, ufundise kwisikolo samabanga aphezulu i-Ncedo ebhexesha nge-Technology, i-Maths, kunye ne-Economics.


Suke ukusebenza kwakhe nzima kwambona enyuselwa ngokususwa kwisikolo samabanga aphezulu esiswa e-PE College, eQhayiya nase- Russell College.


U-Tsene ubalise ngempulelo yakhe wenjenje: "Izibalo yeyona nto ndithanda ukuyifundisa, nangona nje ngoku e-PE College ndifundisa ne-Drawing.


"Ukuze ubengumfundisi ntsapho ogqwesileyo kufuneka ube ngumntu onomonde, ngoba amaxesha amaninzi uyakwazi ukufundisa abantu babe bona bengekho kulento uyenzayo, okanye bengacacelwa,"utshilo u-Tsene.


Uthe eyona nto inzima ngomsebenzi wakhe kukufundisa abantu abangazithandiyo izifundo zezibalo.


"Abafundi banento yongazithandi izibalo, ungumfundisi ntsapho kufuneka uze nendlela ezohlukileyo zokufundisa, kwaye uhleli nje uyazilungiselela qala, ungekayi eklasini uyokufundisa.


Umsebenzi wam ndiwuthanda ngeyona ndlela, kangangokuba abantwana abaninzi apha kum ekuhlaleni bayeza kum endlini bezokucela uncedo ngezifundo zezibalo," utshilo u-Tsene.


subscribe