Isimo sendlu asincumisi

Ntombentsha Msutu


BANOMNTWANA okhubazekileyo, kodwa bahlala kwindlu enamagumbi amabini kuphela. Ntoleyo eyanza ubomi nzima kumtwana wolusapho.


Aba kuthethwa ngabo ngu-Makhaya Kuzwayo ohlala nowakwakhe u-Pamela Dyantyi kunye nabantwana babo ababini u-Yonela kunye no-Yamkela Dyantyi. U-Yamkela unengxaki yokukhubazeka ngokwasengqondweni.


u-Yamkela uzelwe ekhubazekile engakwazi ukuzenzela nto, uye aphakamise nje intloko, okanye ashukumise nje izandla xa efuna ukubamba izinto, kodwa ungumntwana ohlelinje uhleli esitulweni funeka afunqulwe nophakanyiswa.


Utata wakhe, u-Kuzwayo, uthi eyona ngxaki banayo yindlu abahlala kuyo enamagumbi amabini nje kuphela. Yenza kubenzima ukuba umntwana akwazi ukwenza izinto ekufanele azenze, ngoba akufunekanga alale ngecala amaxesha wonke.


"Indlu esihlala kuyo imkhulisa kabuhlungu umntwana wethu, ngoba ayinayo indawo eyaneleyo yokuba u-Yamkela azilolonge, ngoba akufuneki ahlelinje ulele. Kufuneka simane simolula iingalo kunye neemilenze.


"Kodwa ngenxayobuncinci bendlu esihlala kuyo kubanzima ukwenza lonto, siye simtshintshe nendlela yokuhlala sizame ukuba ahlale okanye simlalise ngesisu. Kubaluleke kakhulu ukuba azilolonge," utshilo u-Kuzwayo.


Utata wakhe wayeqaphela ukuba ngexa kujongwa izindlu eziza lungiswa engingqini yakhe eyakhe yaqatyadwa, kodwa wazama ukuwuphakamela lomba.


"Akukho apho ndingayanga khona ndibhala ileta, ndihamba i ofisi zase-Housing Board, ndihambile koceba, kodwa kunzima, iyandihlupha kakhulu lento ngoba umntwana wam uhlala elele esitulweni, kwaye lonto ayilunganga, ngoba ngoku uya egobeka umqolo," utshilo.


"Siyile nakubantu bezentlalontle. Eyonanto siyifunayo yindlu ilungiswe ibengathi inkulu ngoba kunzima nendawo yokuhlala isitulo sakhe sokuhamba. Zonke ezindawo ndizihambayo ndifika kwenye ndixelelwe ibali ndithunyweliswe kwenye indawo," utshilo u-Kuzwayo.

subscribe