Isikhulile ifumen'inkxaso


ISIKOLO Isikhulile sabantu abathatha kade esise NU3 e-Motherwell sizibone siwelwa ngumqa esandleni ngexa siphiwa izixhobo zokusebenza ngu-Zonke Spar wase NU9.


Esi sikolo sifumene izixhobo zokusebenza egadini kuquka nemihlakulo, iiharika, umbhobho wonkunkcenkceshela, ikiriva kunye ne-Blender.


Omnye wabasebenzi bakwa-Spar uZintle Lukwe uthe basityelele esi sikolo iintsuku ezintathu bezama ukuqonda ukuba bangabantwana abanjani, kwaye izizinto zini abazidingayo kwisikolo sabo.


"Ndithe ndakujonga abantwana balapha andabona mehluko, ngoba bayakwazi ukufunda, bayazazi izinto ezifana ne-ID numbers zabo ngentloko, bayakwazi nokubala, qha ingxaki abanayo kukuthatha kade," utshilo u-Lukwe.


Esi sikolo siminyaka eshumi elinesibhozo savulwayo, sinabantwana abangamashumi amane anesithathu.


Utitshalakazi wabo u-Nancy Sisusa, uthe ukusungula kwabo esi sikolo babe ngenaso isakhiwo,behamba befundisela ezindlini, saze ngo1995 sakhiwa


"Esi sikolo sisakhe ngezitena abazenza ngokwabo, nangona bengabantwana abathatha kade isakhono sona banaso, bangabantwana abathungayo, benza i-Recycling projects, benza igadi, siyabafundisa i-English, kunye ne-life skills,"utshilo umama'uSisusa.


Aziphelelanga nje apho kuphela izinto abazenzayo, bayadlala nemidlalo yamandulo, bencedwa ngutishalakazi wesikolo samabanga aphantsi i-Dumani.


subscribe