Isikhalazo somhlali


EMVA kokuba omnye wabafundi beliphepha esibhalele incwadi ngomzi othile olahla inkukuma ngokungekho semthethweni e-NU9, siphume saya kuzibonela ngesi sityholo.


U-Christopher Songwiqi oneminyaka elishumi ehlala e-Motherwell ubetyhola lomzi ngokulahla inkukuma apho kungavumelekanga alahle khona kude kufuphi nesikolo samabanga aphezulu i-Coselelani.


"Ndidane kakhulu ngendlela abantu balapha ekuhlaleni abaziphethe ngayo xa kuthethwa ngokulahla inkukuma ngokungekho semthethweni.


"Eyonanto imbi kakhulu yeyokuba ababantu balamzi bangcolisa esisikolo sihle kakhulu, kwaye benza amanzi angahambi kakuhle njengoba lento ichaphazela ne-drain yamanzi,” utshilo u-Songwiqi.


"Ingase ababantu benza lento bangaziswa ngaphambili bazohlazeka kwaye bafundiswe.”


U-Nowakhe Lingela, ongumnikazi walomzi utyholwa ngokwenza lento, uvumile ukuba ngokwenyani ngabo ababelahla inkukuma kulandawo wagqiba waxolisa.


"Kuba ndiqhele ukubona ugandaganda ecoca kulandawo bendicinga kuvumelekile silahle pha.


"Bendingayazi ngokunyanisekileyo ukuba akulahlwa kulendawo. Ndiyavuma sithi ababelahla kulandawo kwaye ndiyasixolisela esozenzo. Asoze iphinde yenzeke lento ndiyathembisa,” utshilo.

subscribe