Isebe lixhasana nengqesho


ISEBE lemisebenzi yoluntu likunye nabahlali lenza inkqubo ebizwa nge-Community Works Programme, apho liyeliqokelel' amaqela ngamaqela abantu abangaphangeliyolibanike umsebenzi wokucoca zonke izikolo ezise-Motherwell.


Lenkqubo iqale ngo-March, iqela ngalinye linamalungu angamashumi amabini, nalapho aphuma aye kwizikolo ezikwi-wards zabo bacoce iyadi, amagumbi angasese kunye namagumbi okufundela angasetyenziswayo.


Into abaqale bayenza kukuya kwizikolo zonke ukuyo kujonga imeko ezikuyo, izinto ezifuna ukulungiswa, kwaye nokuba bangaqala ngaphi ukucoca.


Omnye wabasebenzi bale nkqubo u-Xolisa Pama uthe akukho kudala kakhulu iqalile le nkqubo, ekwi wards zonke e-Motherwell.


"Siye sachongwa ngu-Public Works kulenyanga, kodwa besingakwazi ukusebenza ngokupheleleyo, ngoba izixhobo zokusebenza azikho zonke, samane sicela nabantwana besikolo baze nazo emakhayeni abo.


"Sicoca izikolo ezibini e-ward 58; i-Soqhayisa ne-Ndyebo. Okwangoku sisacoce iyadi sachola amaphepha, sacoca amagumbi angasese, kunye namagumbi angasetyenziswayo.


"Sisamile okwangoku, kodwa kule nyanga izayo sizalungisa iifestile ezophukileyo, i-ceiling eziwayo kunye namacango ophukileyo. Ukuze sikwazi ukuqala kufuneka sifumane izixhobo zokusebenza ezaneleyo, ngoku sisalinde ezozixhobo zokucoca kuqala," utshilo u-Pama.


subscribe