Isakhono sakhe siyamphilisa


UKUSEBENZISA isitulo sabangakwazi ukuhamba akumenzanga azisizele, koko kumenze wangoyena DJ waziwayo e-Motherwell.


Lowo ngu-Mzukisi Makisi, ominyaka emashumi amathathu anesithoba.Uqale ukuwuthanda umculo ngonyaka ka-1999. U-Makisi uhlala e-NU6.


"Ndiqale ukuzibona ukuba ndiyakuthanda ukuba ngu DJ ndifunda ibanga leshumi, ndimane ndidlala nje esikwerini, ndikwaphuhlisa nemvumi ze hip-hop ezazifika ngelaxesha," utshilo u-Makisi.


Kuhambe iminyaka, waze ngo-2005 wangenela ukhuphiswano i-Battle of the DJ's.


Olukhuphiswano lwaluphantsi ko-SABC lungenelwa ngabo bonke o-DJ kweli lase Bhayi. Kulapho waqatshelwa ngesakhono, waliphumelela ukhuphiswano.


"Kolukhuphiswano ndafumana amawaka amahlanu (erandi), ndathenga ubuxhakaxhaka," utshilo.


Ngo-2006 wasungula inkampani phantsi kwe-Motherwell with Change Entertainment.


Akaphelelanga apho, uvule isikolo so-DJ .


"Ndithathe esisiphiwo ndinaso ndasigqithisela kubantwana abasakhulayo, abanomnqweno wokuba ngo DJ bangomso."


Udijeye kwindawo ezininzi apha eBhayi ezifana ne-News Cafe, Zanzibar, Spotted Cow, kwakunye ne-Captain's.


Ukonzakala kwakhe ngo-1994 ngexa wayesenza ibanga leshumi zange kumenze azisizele, waye wacinga ukuba angenza ntoni .


"Ndenza izinto ezininzi andiphelelanga ekudijeyeni, ndifundele i-IT. Ekuyigqibeni kwam khange ndiwufuman' umsebenzi.


"Ndayokwenza i-Jewellery Art e-MSC College, nalapho ndavula inkampani ndisenza intsimbi neminye imisebenzi yezandla.


"Kuyoyonke lento ndikwanguye notata wentombi eneminyaka emine, ndizamela mna nomntwana wam,"utshilo u-Makisi.


subscribe