Isakhono sakhe esingaqhelekanga

Ntombentsha Msutu


UBUCHULE bezandla yinto awayiphiwa ngu-Thixo. Ngoku, wenza onopopi besi-Xhosa ngamalaphu neebhotile.


Lo ngu-Kholiswa Ngxangxile, 67, ohlala e-NU1. Uneminyaka elishum'elinesithoba esenza lomsebenzi, kodwa ngamanye amaxesha uchanwa kunqongophala kwamalaphu, nto leyo yenza umsebenzi wakhe usilele.


"Lomsebenzi ndiwenze ukususela ngo-1994. Kuthe ekuhambeni kwexesha umdla wakhula. Amaxesha amaninzi amalaphu endiwasebenzisayo esiXhosa awafumaneki ngokupheleleyo," utshilo umam'Ngxangxile.


"Abantu babanomdla wokwazi ukuba ndiwenza njani lomsebenzi kwaye ndiwufundele phi. Andi ndiwufundele ndawo, koko yinto endidalwe nayo ngu-Thixo le, yiyo lonto ndingenamncedisi. Umdla ukhona, kodwa isininzi sabantu siwubona unzima lomsebenzi," utshilo.


subscribe