Iqela elikhasayo licela inkxaso


BAZIBIZA iSoul Elements – eli liqela elenza umculo we-jazz. Amalungu alo asixhenxe bengabahlali base-NU13.


Baqale ukuwenza lomculo kunyaka ophelileyo – beqhutywa kukunqaba kwamathuba omsebenzi.


Kweliqela u-Yanga Ndzamela noSicelo Thabatha badlala i-keyboard, u-Phakama Msizi udlala i-saxophone, u-Sicelo Ngangxa udlala i-trombone, u-Khayalethu Njikelana udlala amagubu aze u-Elethu Mbebe abe ngumculi.


UNdzamela uthe: "Siqale ukuwudlala umculo ecaweni. Saba nengxoxo ngokuqala iqela le-jazz."


Wongeze ngelithi: "Sathatha isigqibo sokuqala iqela ukuba sabona izakhono sinazo, kwaye sasingafuni ukuhlala singenzi nto kuba singaphangeli."


Umculo wabo yi-jazz exutyiweyo – ingonwatyelwa lulutsha kunye nabadala ngokufanayo.


"Sithanda i-jazz kuba yayithandwa ngootamkhulu noo makhulu bethu – kodwa le yethu siyenze yanesingqi salemihla sikuyo ukulungiselela ulutsha," utshilo u-Ngangxa.


Injongo yeliqela kukukhuthaza ulutsha olungaphangeliyo, wongeze ngelitshoyo u-Mbebe.


U-Mbebe uthe: "Endaweni yokubalekela ebubini, zimisele nakwintonina oyenzayo."


Nangona bewudlala kwiindawo ngeendawo umculo wabo, inkxaso abayifumanayo incinane. Banomnqweno wokuthenga ubuxhakaxhaka obutsha.


"Singathanda kakhulu ukufumana inkxaso – izinto esizi sebenzisayo ukwenza umculo zindala, kwaye ziyaphelelwa kuba sazithenga ngelaxesha sasiqala ngalo. Singavuya kakhulu xa kuno kubakho umntu onokusinika inkxaso," utshilo uNdzamela.


Umculo wabo bawudlale kwiindawo ezininzi apha eBhayi naseTinarha.


"Saziwa kakhulu eTinarha kuba abalandeli bethu abaninzi baphaya, kwaye bayawuthanda lomculo. Ngoku, sizama ukwaziwa apha eMotherwell,"utshilo uNdzamela.


subscribe