Iphulo lotyelelo lamkelwe

Ntombentsha Msutu


ABAHLALI base NU29 bazibone bekhathelelwe kwaye behoyiwe ngeth-ba befikelwa ngamasebe ahlukeneyo aseburhulumenteni, ngeliz'okunceda aba bahlali bale ndawo kuba bekude kwinto yonke.


Kufike isebe lezempilo lize kubanceda ngokubahlola iizifo ezifana nogawulayo, i-high blood, kwakunye neswekile. Alandele namanye, njengelezekhaya, elezentlalontle, isebe lezolimo, ngokunjalo nombutho womhlaza, iCANSA.


Lemini ayikhange iphelele ekuhlolweni kuphela, kambeabahlali baye bafumana nethuba lokufundiswa ngeziifo.


Bebekhona nabasuka kumbutho ojongene nodlwengulo lwabantu. Abahlali nabo babonakalise umdla omkhulu.


Igosa lasebupoliseni e-Motherwell uWarrant Officer Dumile Gwavu uthe eyona nto ikhathazayo kubo bengamapolisa kukubona iqophelo lodlwengulo lwabantu ababhinqileyo linyuke kakhulu.


"Enye yezinto esizise apha kukubona ukuba iqophelo lokudlwengulwa kwabantu linyuke kakhulu kule nyanga sisuka kuyo ka-December, ingakumbi apha e-NU29. Sicebisa abazali ukuba abantwana babo bababeke esweni ingakumbi abangamantombizana


"Sifuna abazali bangabavuli nje abantwana benze nantoni na," utshilo u-Gwavu


Omnye wabahlali u-Noluntu Kruqu uvakalise umbulelo omkhulu. "Siyabulela kakhulu singabahlali base NU29, ngokuthi basicinge basenzele imini yethu ibentle kangaka ingakumbi isebe lezempilo, ngoba kaloku asinayo ne-clinic," utshilo u-Kruqu.


subscribe