Iphulo lihlangula ulutsha kububi lilufaka endleleni


UKUSUSA ulutsha ezitalatweni, ukulifundisa ngesifo sikagawulayo nokunqanda ukwanda kwesifo sokutyeba zezona zizathu zenza kuvulwe i-Football Life Youth Development.


Eliphulo lisekwe ngo-2009. Ekusekweni kwalo, lalinamalungu alishumi elinambini, kodwa sithetha nje linamalungu amakhulu mabini anamashumi amahlanu, aphuma kuzo zonke ingingqi ze-Motherwell; ehlangana phantsi ko-Xolisa Glenrose Khonza, 33; e-Motherwell e-NU13.


"Eyonanto yandenza ndibeyi ngxenye yeliphulo kukubona ukuba abantwana abananto yokwenza xa bebuya ezikolweni, ndabathatha ndabenzisa iindidi zemidlalo.


"Senza i-aerobics, tae-bo kunye nemidlalo yamandula. Sifuna bazilongelonge ngawo onke amaxesha bahlale bedlamkile, sikwazama nokunqanda isifo sokutyeba ebantwaneni," utshilo u-Khonza.


Banamalungu aqala kwiminyaka esithandathu ukuya kwishumi elinesibini, bebamkea nabantu abadala nabathi babenzise lemidlalo ukuqala kwiminyaka emashumi amathandathu ukuya phezulu.


"Asikhethi bantu batheni, kuba abantu abadala baye bahlale ezindlini amaxesha amaninzi bengenzinto, siyabathatha nabo baze kuzilolonga nathi," utshilo u-Khonza.


Bazilolonga ngazo zonke intsuku phakathi evekini ukususela ngentsimbi yesithathu ukuya kweyesihlanu malanga.


Eliphulo aliphelelanga apho nje kuphela. Eyona nto bafuna ukuyifundisa abantwana bubungozi bezifo zesondo. Bakwathatha nabantwana abangenabazali. Banalo necandelo lengcebiso. Kwaye abantwana abachaphazelekayo kwisifo sikagawulayo bayalufumana uncedo.


Uthe u-Khonza: "Sifuna bakwazi ukuthatha izigqibo ezilungileyo ngobomi babo kwangoku besebancinci, bawazi amalungelo wabo."


subscribe