Iphulo elicocayo lase - NU8 lidinga inkxaso-mali

Ntombentsha Msutu


UKUCOCA amathafa ase-Motherwell yayingowona mbono weqela lentsebenziswano ngelixa lesiseko salo ngoApril wonyaka ophelileyo.


Eli, liqela iMasicoce Co-operative, emalungu amashumi asithandathu nesihlanu, nelazinikelayo ekucoceni nasekugcineni amathafa ekulahlwa kuwo inkukuma ngokungekho mthethweni.


Ukubona ukuba amathuba omsebenzi anqongophele kwenza eliqela liphakame lisungule lozenzele, utshilo omnye wamalungu u-Thenjelwa Mfunde.


"Singabantu be ward 58, saqala le-cooperative singenanto, injongo ikukujikeleza i-Motherwell sicoca amathafa amdaka, sisika ingca ecaleni lendlela, sicoce nemibhobho yamanzi. Yonke lonto siyiqale apha e-NU8, satyhutyha-tyhutyha i-Motherwell," utshilo u-Mfunde.


Ekuhambeni kwexesha baye basebenzisana neceba wabo, nowathwabancoma kanobom ngomsebenzi omhle kakhulu abawenzayo, ngokuthi bacinge icebo balenze.


"Sisebenzisene no-Councillor esincoma samana siba neentlanganiso naye, kodwa kuthe ekuhambeni kwexesha sagqiba ekubeni sizivulele i-project ye-Recycling apho siye siqokelele ibhotile zeplastiki kunye neekharibhothi.


"Siyabafundisa nabantu ngokubaluleka kococeko, nangengozi zokulahla inkunkuma emathafeni," utshilo u-Mfunde.


Nangona beliqela elikhulayo ziye zibekho iingxakana abaye babe nazo kulombutho wabo.


"Singabantu abangaphangeliyo. Sathenjiswa ngu-Councillor ukuba siya kuhlawulwa kodwa endaweni yoko, suke sabona abanye abantu abaqeshwe lisebe le-Public Works, abenza kwalomsebenzi wethu.


"Nale-project sayivulayo ye-recycling imali esifumanayo ayingako, ngoba siba liqela elivayo, kwaye kuba kho nobambezeleko," utshilo u-Mfunde.


subscribe