Intsapho yakwa Vusani iluqilima


UYINGELOSI yasekuhlaleni ebantwini abahlelelekileyo, unothando kwaye ungumntu ongafuniyo ukubona omnye umntu ehlupheka.


Lo ngumama uNobonke Vusani owaqala iphulo elaziwa njenge Bonke Abantu Motherwell nathi ngalo ancede abantu abahlelelekileyo kunye nabantwana abasuka kwiintsapho ezihluphekayo


Umama u-Vusani unabantwana ababini uCikizwa ominyaka emashumi amabini anesine kunye noVuyolwethu ominyaka elishumi elinesibini. Bayintsapho ehlala e-NU2.


U-Cikizwa no-Vuyolwethu bangabantu abathanda ukuncedisana nomama wabo kweliphulo lakhe.


"Umama ungumntu oluncedo kakhulu, kwaye yeyonanto iphambili leyo apha kwelikhaya," utshilo uCikizwa.


Umama u-Nobonke ubanqwenelela impumelelo ebomini abantwana bakhe njengaye wonke umzali, kodwa uthi nguThixo olaziyo ingomso labo.


"UThixo unecebo ngabantwana ndiyayazi, kwaye


ndifuna nokuba sendingasekho emhlabeni bahlale bewazi umahluko phakathi kwezinto ebendizithanda kwanezo bendingazithandi njengo mama wabo.


"Eyonanto ndinomnqweno wayo kukuba bazi umntu, bakwazi kulonto banayo ukohlulela umelwane wabo, bangayinqweneli into engeyoyabo, umntu azizamele angaxhomekeki,"utshilo umama u-Vusani.


Balusapho oluthanda uhlala ndawen'inye babukele umabona kude.


Kulapho baye ba ncokole ngezinto zobomi.


"Thina sithanda ukuzihlalela endlini sibukele umabonakude, ingakumbi imiboniso bhanya-bhanya, iye ibe zimini esincokola ngazo sidibanse silusapho kubemnandi," utshilo uVuyolwethu.


Enye into elithanda ukuyenza olusapho kukubhiyozela iimini zokuzalwa.


"UCikizwa ngumntu othandayo ukupheka, kangangoba mhla ndandilibele usuku lwam lokuzalwa, ndabona ngetafile seyilungisiwe intle, lisitsho ivumba lokutya okumnandi. Lowo ke ubhiyozela usuku lwakhe siye simthengele ikhekhe ,"utshilo umamau-Vusani.


subscribe