Inkukuma ixakile e-NU7


ABANTU baxelelwa imihla nezolo ngeengozi zokulahla inkukuma naphi na, kodwa bathe gqolo ukwenza lomkhuba.


U-Asanda Yako, 48; ohlala kwisitalato iNdakana e-NU7 uthi lengxaki iya iqatsela unyaka nonyaka kwisitalato sakhe.


"Lengxaki iqale ukubalasela kunyaka ophelileyo, kugxovugxovu nje,” utshilo u-Yako.


"Xa kunetha kakhulu lenkukuma ingena endleleni. Kuyanuka nje kuyinto endingayaziyo.”


Wongeze ngelithi impilo yabo kunye nabantwana abadlala kulendawo isemngciphekweni.


"Kukho neehagu endingazaziyo ukuba zisukaphi. Eyonanto imbi kakhulu yeyokuba yonke lento isecaleni kwesikolo samabanga aphantsi i-Khulile.


"Abantwana abancinci badlala kulendawo. Nathi sidlula kulendawo xa sisiya ecaweni.


"Sityiwa nazingcongconi.”


U-Yako uthe bazame zonke izinto kodwa akukabikho nto yenzekayo.


"Sayixela lengxaki ku ceba kodwa akhonto yenzekayo. Sicela umasipala asincede ngokusithathela lenkukuma,” utshilo.


"Siyababona ababantu balahla apha. Abahlali kulendawo, futhi balahla nantoni na.


"Sithetha sincame, futhi ke siyoyika nokubethwa.”


Uceba walendawo [ward 59] u-Mazangwandile Dano uthe kuzakucocwa. "Abahlali banenxaxheba ekungcoliseni kulandawo,” u-Dano utshilo. "Siphazanyiswe yi-Motherwell Freedom Run. Umasipala uqale ngokucoca kwelacala. Kuza kuziwa apha [kungekudala],” uthembise ngelitshoyo.

subscribe