Inkolo sesona siseko

Ntombentsha Msutu


KUSAPHO lwakwa Mente, inkonzo kunye nemfundiso yokuthanda isikolo ebantwaneni zezona zinto zingu ndoqo.


Olusapho luhlala eShukushukuma ngase NU13, luthanda ukuchitha iimpelaveki kunye ngoba lelona thuba evekini lingaxekekanga.


Amalungu ngumama u-Bulelwa owakwakhe utata u-Banele Mente, nabantwana abane, u-Sibabalwe, kulandela u-Ziphezintle, u Sinovuyo kwakunye nephelo, u-Ayabulela.


"Elona xesha limandi kolusapho kuxa sihleli sonke sibukele umabona kude. Siba neemini sihlale sonke sincokolele abantwana ngezinto zobomi, kuba kubalulekile ungumzali ukuba ubenalo ixesha olichithayo nabantwana bakho, ubafundise ngezinto zobomi," utshilo utata u-Mente.


Abantwana ababikho phakathi evekini ngenkxa yesikolo, za babuyele kwikhaya lotata wabo. Bahlangana kakhulu ngeempela-veki


Olusapho luyixabise kakhulu inkonzo, kwaye yeyona mfundiso iphambili ebantwaneni balapha, uchaze ngolohlobo utata wekhaya.


"Kubaluleke kakhulu ukuba abantwana bakhulele enkonzeni, kwaye intlonipho yeyona nto nayo ingundoqo, umntwana amazi umntu omdala kuye kwaye amhloniphe," utshilo utata u-Mente.


Unabe wathi: "Enye into esiye sibafundise yona abantwana bethu, yindlela yokuziphatha ingakumbi kumntana oyintombazana, kwaye abantwana balapha endlini bayayazi ngokusikelelekileyo ngokwenkonzo kufuneka nantonina ayenzayo aqale atshate."


Ngeecawa olusapho luthanda ukuya enkonzweni lubuye luzihlalele lutye isidlo sangecawa.


"Wonke umntwana uya ebandleni, sibuye sitye isidlo sangecawa, emveni koko siye sibukele umdlalo webhola ekhatywayo kumabona kude," utshilo utata u-Mente.


subscribe