Inkolo ngundoqo kubo


USAPHO lakwa Tutu luphila ngokukhonza nangomthandazo. Abakwa Tutu balusapho oluthanda ukuchitha impelaveki ndawonye.


U-Veliswa Tutu, oneminyaka emashumi mathathu anesithathu, kwakunye no-Monelo Tutu, ominyaka emashumi amane, bazimanya ngeqhina lomtshato ngo2004, baza basele bezakhela ikhaya labo kwangalo nyaka e-NU9.


"Mna ikhaya lam lilapha e-Shukushukuma, umyeni wam yena usuka eMnyameni. Siya satshata apha e-Bhayi ngo-2004," utshilo u-Veliswa.


Emva koko baye balizwa ngabantwana ababini, u-Iviwe, ominyaka esibhozo, kwakunye no-Salusiwe Qhamani, ononyaka onenyanga ezintlanu.


Baye balongeza usapho lwabo ngokuthatha udade bomyeni ukuba azokuhlala nabo. Igama lalentombi ngu-Nomaleyidi, eminyaka elishumi elinesithathu.


"Abantwana balapha bayazi ukuba imbeko yeyonanto ibalulekileyo, (ngoba) mbi umntana ongenambeko. Sibafundisa nokukhonza, kubalulekile ukwazana no-Thixo,"utshilo u-Monelo.


Ngenxa yempangelo amathuba okuhlala bebonke belusapho bawafumana ngeempelaveki. Ngelithuba, baye bahlale bonke bazibukelele imiboniso bhanyabhanya.


"Siye ngeempelaveki sihlale sonke njengosapho. Kuba noluphi na usapho luyalidinga ixesha apho luzathi luhlale lonke. Ngecawa siphuma sonke sivale siye ecaweni, akekho umntu osala ngasemva.


"No-Nomaleyidi lo uyayazi imfundiso yethu ephambili kuku khonza. Rhoqo ngoLwesithathu uye abhekise enkonzweni yamantombi,"utshilo u-Veliswa.


Olusapho luyathanda ukuba abantwana bangazifanisi nabanye abantwana, babulele lendawo u-Thixo athe wababeka kuyo.


subscribe