Ingxoxo-mpikiswano enkulu

ISIKOLO samabanga aphezulu sase NU4 i-Masiphathisane iphumelele ingxoxo-mpikiswano (debate) yokuqala yezikolo zamabanga aphezulu e-Motherwell.


Olukhuphiswano belubanjelwe e-Raymond Mhlaba Sport Centre e-NU4 ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga ephelileyo.


Ezinye izikolo ebezithabathe inxaxheba yi-Douglas Mbopa, Motherwell kunye ne-Soqhayisa.


U-Nolitha Goba, ongumphathi we-Ilitha Concepts nobeququzelela olukhuphiswano, uthe bebesajonga ukuba luzakuhamba njani olukhuphiswano kunyaka walo wokuqala.


"Iinjongo zethu kukuba zolishumi elinambini izikolo zamabanga aphezulu zalapha e-Motherwell zithathe inxaxheba kule, kodwa lonto ixhomekeke ekubeni lena ibe yimpumelelo kangakanani na,” utshilo u-Goba.


"Iinjongo zalento kukukhuthaza abantwana bakwazi ukuthetha esidlangalaleni.


"Ezizikolo zine zikhethwe kuba ziqhuba kakuhle ezifundweni zazo, nokuba nesidima kwazo.”


Iqela ngalinye belinamalungu amahlanu, kodwa kuvumeleke abathathu ukuba batxoxe. Isithethi ngasinye besinikwe imizuzu emithandathu.


Umjikelo wokuqala ubuphakathi kwe-Douglas Mbopa ne-Motherwell. Ingxoxo ibijolise kumba wokusetyenziswa koonomyayi (cell phones) ezikolweni. I-Douglas idlulele kumjikelo olandelayo emva kokuba isithi mabavunyelwe (oonomyayi).


Kulandele Isoqhayisa ne-Masiphathisane. Bona bebeshukuxa indima nenxaxheba edlalwa sisinxibo somfundi ngamnye ezifundweni zabo.


I-Masiphathisane iye yaphumelela yaze yadibana ne-Douglas Mbopa kumjikelo wokugqibela, apho baphawule ngokufundiswa kwezifundo zoshishino (entrepreneurship) kwizikolo zamabanga aphezulu.


I-Masiphathisane iye yaphumelela emva koba ibisithi mazenziwe.


U-Goba uthe: "Zonke izikolo zifumene indebe esuka kwi-Motherwell Urban Renewal Programme ngokuthatha inxaxheba kulento.”


U-Amanda Hobana, oneminyaka elishumi elinesithandathu, ofunda e-Masiphatisane utyunjwe nje ngoyena uthethe kakuhle.


"Ndiva kamnandi nyani ngeliwonga ndilifumeneyo. Andazi ndingathini.


"Besizilungiselele kakuhle neqela lam,” utshilo u-Amanda.


Amanye amalungu eliqela ibingu-Mahlubandile Meleni, 17, u-Xolelwa Hina, 16, u-Siphokazi Mbusi, 16, kunye no-Mihle Bonya, 16.


Iijaji zithe zothuswe kukuzithemba nokuthetha kakuhle kwabafundi.


Owongamele iSABC kwiphondo le-Mpuma KAPA u-Zola Yeye ukhuthaze abafundi - nje ngokuba ebesisithethi esibekekileyo.

subscribe