Ingeniso yeza khono iya inyuka
By admin - 25 January 2014
I-NOZIQHAMO liqela loomama abasixhenxe, eliziphilisa ngokuqokelela liphinde lijike ii-plastiki, iitoti, iibhotile zeplastiki kunye nee-cardboard zibezizinto ezisetyenziswa endlini.
Lo msebenzi bawuqala kwiminyaka engamashumi amabini eyagqithayo.
Omnye womama beliqela u-Nosizwe Dingani uthe wonke lomsebenzi bawuqala ngo-1992 ngexesha lika 'vuk'uzenzele.'
"Saye sabona ukuba endaweni yokuba sizilahle izinto masenze ngazo imali esizakuziphilisa ngayo kuba singaphangeli,"utshilo umama u-Dingani.
Abaphelelanga nje apho kodwa, koko baye bahambe befundisa uluntu kwiBhayi nezinye iindawo.
"Besi sanda kuba nohambo olusingise e-Goli kwi-workshop ngomsebenzi esiwenzayo, sibonisa abantu ukuba bangenza njani ukuze nabo bafike kwelinqanaba sikulo "utshilo u-Dingani.
I-Noziqhamo ivule ivenkile kutshanje e-Kragga kamma.
"Lento siyenzayo siyifundele saphinda saqeqeshwa kwaye sinesiqinisekiso se-BEE level three. Kungekudala siza kuba nohambo olusingise e-Queenstown nalapho siya kuqhuba khona i-workshop," utshilo u-Dingani.
Omnye womama kule-project uThandeka Magalela uthe bafuna ukuqhubekeka ngayo le-project ngoba ibenzela imali.
"Sifuna ukuvula iivenkile zibeninzi nendawo esiya kuthi sifundise khona abantu ukusebenzisa izakhono abanazo ukubeka isonka etafileni," utshilo umama u-Magalela.
Amaxabiso ezi zinto bazenzayo ayashiyana ngoko kwenziwa kwazo. Umzekelo; iminqwazi bayithengisa nge-R50, izingxobo zepekisi neziyimixwayo zixabisa i-R30.
Aba mama bakwenza nokunye njenge-mats kunye ne-pot plants ezithandelwe nge-plastiki, zona zifumaneka nge R30.