Ingelosi yasekuhlaleni yondla abantwana


SELE eminyaka emithathu waqala ukunceda abantu abahlelelekileyo u-Nobonke Vusani, ominyaka emashumi amathandathu anesine.


Lomama wase-NU2, uqale iphulo eliyiBonke Abantu Motherwell apho aye ancede abantwana abasuka kwintsapho ezihlelelekileyo ngokubanika ukutya okuxabisa amakhulu amahlanu erandi rhoqo ngenyanga.


U-Vusani uthe: "Lento ndayiqale kancinci apho bendiye ndidibane nomntana esitalatweni ndibone ukuba lento ayinxibileyo ayilunganga, okanye isihlangu sakhe asikho kwimo encumisayo. Intliziyo yam ibiye ikhathazeke.


"Ndiye ndimbizele endlini umntwana ndimnike into yokutya neyokunxiba."


Eliphulo liqale linceda abantwana abalishumi elinambini abasuka kumakhaya ahlelekileyo, sithetha nje linceda abantwana abangamashumi amabini anesithathu.


"Ndinaye umncedisi osuka Engilane, u-Juliet Jaris, oye andincede ngezezimali. Okwangoku isenguye ongumncedi weliphulo.


"Ababantwana abasuka kumakhaya ahlelelekileyo kulengingqi yam ndibanika ukutya okuxabisa amakhulu amahlanu erandi rhoqo ngempela nyanga, ngezinye inyanga siye sikunyuse sibanike ukutya okuxabisa amakhulu asibhozo,"utshilo u-Vusani.


Lomama ungaphangeliyo naye ufumana isibonelelo ku-Jaris.


Uthe: "Nam akukho apho ndithabatha khona, kodwa lento ndiyenzayo ndiyayithanda kakhulu."


subscribe