Indumasi enobuntu


IMBALEKI eyaziwayo u-Mpumelelo Ndlumbini, 40, ikwiphulo lokuphuhlisa i-Motherwell.


Lomhlali wase-NU2 obekade ebalekela iqela i-Nedbank uzivulele elakhe iqela i-South African Professional and Development ngo-April.


"Ndaqaphela ukuba abantwana abaninzi ezilokishini [bayazula] bengenanto yakwenza.


"Ndincedwe yindoda yase-Goli u-George Gandhi ukubhalisa eliqela.


"Lendoda iza kusisinceda nangokuqeqesha iimbaleki,” utshilo u-Ndlumbini.


Wongeze ngelithi iinjongo zeliqela kukuba neembaleki kwiqela lo-Mzantsi Afrika elizoya kwii-Olimpiki kunyaka ka-2016.


"Sifuna ukuba neembaleki ezimbini okanye ezintathu ezakuthi zimele uMzantsi Afrika kwi-Olimpiki ezilandelayo.


"Italente ikhona apha e-Motherwell kuba iimbaleki ezifana no-George Ntshiliza kunye no-Mzwanele Maphekula zezalapha, qha ifuna ukongiwa,” utshilo.


Nangona eliqela lisakhasa selinembaleki ezimashumi mane anesibini (42) eziphakathi kweminyaka elishumi elinesithathu ukuya kumashumi amane anesine.


"Wonke umntu wamkelekile ukuba azibandakanye neliqela. Sinazo neembaleki ezikhubazekileyo.


"Asiloqela lam konko lele-Motherwell yonke,” utshilo.


U-Ndlumbini uthe eyona ngxaki banayo yimali.


"Isichana kakhulu imali okwangoku. Ndisebenzisa imali yam okwangoku ndisalindele uncedo. Ndibhalele iphondo ndicela uncedo kubo, qha abakaphenduli,” utshilo u-Ndlumbini.


Phakathi evekini u-Ndlumbini ulolonga iimbaleki zakhe ngelixa ngeMigqibelo zisiya kwinkuphiswano.


"Qho ngoLwesine sifumaneka kumabala ezemidlalo e-NU2 ukusukela ngecala lentsimbi yesine ukuya ngeyesithandathu malanga. Okanye umntu onomdla anganditsalela umxeba ku-073-151-7714.”


subscribe