Imvumi entsha ijolise kwi-Afrika

Ntombentsha Msutu

UMINYAKA esibhozo esaziwa njenge mvumi yase Motherwell kodwa ezona njongo zakhe kukwaziwa kulo lonke eli lase Afrika.


Lo nguPhumlani Mzizi nowaziwa njengo Muji, ominyaka emashumi mabini anesithathu, nowaqala ukuba yimvumi eyaziwayo eMotherwell ngo 2004.


"Oyena mntu onegalelo nondikhuthazayo emculweni wam ngumama, ngoba naye ukhule ewuthanda kakhulu umculo, kwakunye notata wam ongasekhoyo.


Umama uculela ikwayala yasecaweni. Amaxa amaninzi ndibakhona xa bengena i-Practice ndiye ndimamele kubo ndithathe ezinye zezinto abaziculayo ndizigqulele koluhlobo lomculo wam," utshilo u-Mzizi.


Ungumntu ozibhalelayo amaxa amaninzi kwaye zininzi ingoma zakhe ezaziwayo eziphuhlisela kwiziko lakhe elikwikhaya lakhe.


"Iingoma zam ndiye ndizibhale ngokwezinto ezithi zindehlele ebomini, nezinto endizibona zisenzeka. Iingoma zam ezaziwa kakhulu ngu-Zoli, Life Yatshintsha, Andile, Bongani, no-Guilty.


"Kwaye enye yezinto ezindiphuhlisayo yinkxaso endiyifumanayo ebantwini, ingakumbi aba bazintanga zam," utshilo u-Mzizi.


Ukubayi mvumi kumenze aphume eBhayi abone iindawo ezininzi, kwaye eba seqongeni nosaziwayo abaninzi.


"Ukuba seqongeni nosaziwayo ayonto ilula kodwa uye ufunde lukhulu kubo, ngoba banendlela yabo yokwenza izinto.


"Abona bantu ndakhe ndaseqongeni nabo ngu-Mapaputsi, Ghetto Lingo, Ringo, Bongo Muffin, Trompies kunye no-Mzekezeke," utshilo u-Mzizi.


Kodwa iminqweno yalemvumi ayiphelelanga nje apho, ukwanayo neminqweno yokwaziwa i-Afrika yonke.


"Ndifuna ukwenza ingoma eza kwaziwa kulo lonke eli lase Afrika, ," utshilo u-Muji.


subscribe