Imbasa rhoqo ngogqweso!

Ntombentsha Msutu


ISIKOLO samabanga aphantsi Imbasa yase NU12 sizigobh'a amacala emva koku gqwesa kukhuphiswano lomculo nanto leyo ethi ngoku sizakumela kumnyhadala wokhuphiswano wephondo oza kuqhutyelwa eMonti.


Esisikolo siphume emagqabini kutshanje kukhuphiswano lomculo, litshila ngekwayala yaso ye Intermediate yamantombi, kunye ne-Small group i-Sextet.


Ssiluqale olukhuphiswano kwingingqi apho besikhuphisana nezikolo zase-Motherwell, ze sesuka kwelo nqanaba, saya kwa-mega, okukholele kwimpulelo esingisa ngoku eMonti kukhuphiswano lwephondo.


Imbasa iyaziwa ngokugqwesa minyaka le emculweni, kwezemidlalo, kucoceko, nasezifundweni, kweli lase–Motherwell.


Umbhexeshi wekwayala yesikolo uNyameka Vara uthe apho eMonti bakube bequbisene nezinye izikolo zalapha ephondweni ekupheleni kwalenyanga.


"Siziva sonwabile kakhulu sisisikolo kuba side safikelela kwelinqanaba sikulo, kwaye singavuya kakhulu ukuba sinokuphumelela, sibuye nayo lendebe Sicela imithandazo nasebantwini ukuba siphumelele.


UVara ubachaze abantwana besisikolo njengabantu abanothando olukhulu lomculo, kwaye bazinikele.


"Xa sele becula abakhathelele nokutya, baphila umculo abantwana bethu, kwaye ndibathandela ukuzinikela kuyo yonke into abayenzayo. Sisuka kwindawo ehlala abantu abahlelelekileyo, kodwa lonto asoze uyibone kubo, kwaye abakhunjuzwa ngokuzilolonga," utshilo u-Vara.


UVara ubulele lonke uluntu olunika eliqeal inkxaso, ukususelo kotishala, ibhodi yalawulo nabazali.


Ootishalakazi abaququzelela olukhuphiswano, u-Soya Thembisa, kunye no-Thobeka Munyeka bathi bazidla kakhulu ngabantwana babo.


"Olukhuphiswano likhuphiswano olubakho minyaka le. Siyavuya sithe safikelela kwelinqanaba sikulo, kwaye sinethemba lokuphumelela, isikolo esiphumeleleyo sifumana ii-computer lab, kuwinwa nee-uniforms," utshilo utitshalakazi u-Mungeka

subscribe