Iintsapho zifumen'izindlu

Ntombentsha Msutu


KULUCHULUMANCO olungazenzisiyo kwintaphane yeentsapho eMotherwell nebezifudula zigob' ityholo kumatyotyombe iminyaka, neziza kuphuma apho ziye kungena kwizindlu ezintsha zesamente eNU29.


Zimalunga namawak'amabini makhulu mahlani ezintsapho ziwelwe ngumqa esandleni, wokuya kuthi zindzi kwizindlu ezise mgangathweni, emva kweminyaka zihlala kumatyotyombe.


Enye yezintsapho yekamama u-Nowha Pauline Molayi (65) nowakwekhe u- Lephole Molayi egqibe iminyaka elishumi elinesibini etyotyombeni, nabazukulwana babo ababini .


Lomama uthi akakwazi ukuwuvala umlomo luvuyo ngendlu yabo entsha.


"Sihleli endlini yebobosi ukusukela ngo2001, e-Chris Hani, nalapho sabhalisa sifika ukuze sikwazi ufumana indlu kwangethuba.


"Ndiyavuya kakhulu side safumana indlu. Ndiza kutsho ndikwazi ukuhlala kamnandi nomyeni wam nabazukulwana bam," utshilo umama u-Molayi.


Olunye usapho nalo ebeluhlala e-Chris Hani ebobosini elimagumbi amathathu, bebane bona endlini, lolukamama u-Nomzamo Mthi (58) nalo olungawuvaliyo umlomo yimincili kuba lizafumana eyalo kwezizindlu,


"Sivuya kakhulu. Besele sidikiwe kukunelwa kulamatyotyombe. Siza kutsho sibe nendawo yokuhlala nathi," utshilo umama u-Mthi.


subscribe