Iingcebiso ngezempilo


SITHE xa sikwithuba le veki yokugqibela kwinyanga yomama(August), isebe lezempilo – nelezentlalontle –agqiba ukwenzela oomama usuku abangasoze balulibale.


Lomsitho womama obuququzelelwe ngu-Pholisa Rune wesebe lezempilo kunye no-Thandiswa Vice, ububanjelwe kwisikolo i-Mpumalanga Primary School e-NU9.


"Eyona nto sifuna ukuyikhuthaza komama kukubaluleka kwempilo yabo, bawazi namalungelo abo, umntu angahlali anyamezele ukuxhatshazwa.


"Namhlanje sizisa iinkonzo kubo. Sibaphathele onontlalontle, ukubaxhobisa ngolwazi lwamalungelo abo, (oku sikwenza) kunye nesebe lezentlalontle," utshilo u-Rune.


Oomama abonelanga ukufumana i mfundiso nje kuphela,banikwe nethuba lokuvavanywa izifo ezahlukeneyo, ezifana ne-TB, high blood, iswekile kunye nogawulayo.


U-Vice, okwangumhlohli kwisikolo samabanga aphanzi, uthe omama basuka kude besilwela inkululeko, namalungelo okulingana ngokwesini.


"Eyonanto ibindenza ndibengomnye wabaququzeleli balomsitho kukubona ukuba lendawo ihlelelekile, nezinkonzo zibalulekileyo zikude kuluntu.


"Kwakhona xa ungutithsalakazi awujongi imeko yomntwana nje kuphela, koko siye sijonge nemeko yomzali ekhaya,"utshilo u-Vice.


U-Funeka Gladys Nomatiti wakwa Cancer Association uzinike ithuba lokufundisa omama abazimase lomsitho ngesifo somhlaza.


"Abantu kufuneke bazi ngekliniki ezivavanya umhlaza, kuba sikholelwa ekubeni xa eqatshelwe kwangoko kubalula ukuwunyanga,"utshilo u-Nomatiti.


Omnye womama ebebezimase lomsitho u-Luleka Mafele wase NU13 uthe uyavuya isebe lezempilo lithe leza ebantwini.


"Ndimka apha ndifumbethe ulwazi oluninzi ngokubaluleka kokuhlolelwa izifo ezifana nomhlaza webele, ubungozi beswekile, kwakunye nokuhlolelwa i-high blood rhoqo.


"Nokubaluleka kokujonga into endiyityayo, ngoba ukugula kuqalwa kukutya ngendlela engalunganga,"utshilo u-Mafele.


subscribe