Ifuthe lesilwi mafutha i-Tae-Bo
By admin - 25 January 2014
ULUTSHA lwaseMotherwell lufumene indlela eyonwabisayo yokulolonga imizimba yalo, i-Tae-Bo.
I-Motherwell Tae-Bo Touch (MTT) yasekwa ngonyaka ka 2005 lulutsha lwalendawo.
Eliqela livulwe ngokusesikweni nge-24 kwinyanga ka March e-Raymond Mhlaba Sport Centre, eNU4.
Umququzeli weliqela u-Ntombohlanga Dilima uthe iinjongo zabo yayikukugcina ulutsha luxakekile.
"Sabona izinga lolwaphulo mthetho apha ekuhlaleni, sathi masenze into,” utshilo.
"I-Tae-Bo yindlela emnandi yokulolonga umzimba. Kukho umculo owenza ungaziqapheli ukuba uyazilolonga.”
U-Dilima uthe wonke umntu wamkelekile.
"Sizilolonga iintsuku ezine evekini, ukusukela ngoMvulo ukuya ngoLwesine ngentsimbi yesihlanu ukuya kweyesithandathu, e-Raymond Mhlaba Sport Centre.
"Nabani na ofuna ukuzibandakanya nathi wamkelekile nokuba uneminyaka emingaphi na.
"Sinawo amalungu amadala aneminyaka ukusukela ku-40 ukuya ku-55 – asikhethi mntu.”
Umqeqeshi weliqela u-Nceba Belani uthe waqala i-Tae-Bo kuba wayetyebile.
"Ndandifuna ukuhlisa umzimba, ndaze ndayithanda iTae-Bo.
"Inceda kwizinto ezinintsi ezifana nokwehlisa iswekile, ukuba unayo. Xa usenza i-Tae-Bo uyazilibala iingxaki zakho. Ndiyabakhuthaza abantu bathathe inxaxheba kulento,” utshilo u-Belani.
Okwangoku eliqela linamalungu ayi 50. Wonke umntu uzilolonga ngexesha elinye.
U-Dilima uthe babhatala i-R920 ngenyanga kwinkqesha yeholo.
"Indlela esiqinisekisa ngayo ukuba siyakwazi ukubhatala lemali, amalungu akupha imali engange R30 ngenyanga, kodwa phambi kokuba umntu abelilungu kufuneka ebhatale i-R70.”
Ukhuthaze abantu ukuba bazibandakanye neliqela.
"Abafana bacinga ukuba i-Tae-Bo yinto yamantombazana kuphela – akunjalo. Singathanda ukuba nawo amadoda eze.
"Yindlela elungileyo le yokwehlisa iswekile ebantwini abadala.
"Nabantwana abasafundayo bamkelekile kuba xa ufunda kuyafuneka umane uphumla – ingqondo nomzimba kufuneka zihlale zidlamkile.”