Icawe iluncedo kumaxa anzima


ABANTWANA besikolo samabanga aphantsi i-Dumani e-NU3 bakuva ngabantu ukuba ubusika buya banda emva koba bephiwe iimpahla yicawe i-St Matthews.


Lamasamariya alungileyo agqiba kwelokuba mawabe nento ayenzayo emva kokuba abona imo yabantwana abaninzi kwesisikolo sisecaleni kwecawe yabo.


Umfundisi welibandla ugqirha u-Bukelwa Hans uthe bayiqala ngo-2010 lenkqubo yokunceda abasweleyo.


"Sithatha u-10% kwimali esiyenza ecaweni sincede ngayo. Iimpahla zona siyesacela ibandla lize nazo kumakhaya wabo.


"Safumanisa ukuba kubantwana abayi 1034 apha esikolweni, abayi 133 zinkedama kwaye basuka kumakhaya asweleyo, nto leyo isichukumise kakhulu,” utshilo u-Hans.


Baphiwe iimpahla zokunxiba, ezesikolo, baphinda baphiwa okutyiwayo.


Inqununu yesikolo u-Simphiwe Mkhangelwa ubulele kwicawe, wabongoza nabantwana bayihambe icawe.


"Icawe iyabonisa ukuba ayiphelelanga ekuthandazeni kuphela – iyanceda nokunceda.


"Njengoba kusebusika abantwana bethu abasayi kugodola noko ngenxa yezimpahla. Sibulela kakhulu sisi sikolo. Ndiyathemba ukuba akhukho mntwana ongaze aphinde angayi kwisikolo secawe (Sunday School),” utshilo.


Omnye wabantwana abazuzileyo, u-Unathi Mbanzi, oneminyaka elithoba, wenze elombulelo naye.


"Ndiva kamnandi kakhulu ngokufumana iimpahla zesikolo kuba bendikade ndingenazo,” utshilo.


"Ingase u-Thixo angayisikelela lecawe ngento abasenzele yona. Enkosi kakhulu,” u-Mbanzi utshilo.


Lomsitho ubuzinyaswe nagamanye amalungu ecawe.

subscribe