I-Mbopha ijonge phambili

Ntombentsha Msutu


ISIKOLO samabanga aphezulu i-Douglas Mbopa e NU2 sisecicini lobuntshatsheli betumente yebhol'ekhatywayo kazwe-lonke exhaswa ngabakwaMacDonalds, ukuba nje singaphumelela phakathi kwezikolo ezimbalwa eBhayi nakwiphondo.


Umdlalo wabo wokumela i-Motherwell uza kube ubanjelwe eWolfson apho bazakube bequbisana nezikolo zelokishi eBhayi.


Oku kulandela impumelelo ngokugqwesa phakathi kwezikolo ezilishumi elinesithandathu abaye bahlangana nazo ukuqala kwale tumente de bafikelela kwezine apho baye badlala ne-Coega ku-under14, baze babetha isikolo samabanga aphantsi i-Mpumalanga ngamanqaku amabini eqandeni.


Omnye wabadlali u-Sibulele Magingxa noye wafaka inqaku elinye ngexa bedlala neMpumalanga, uthe bavuya kakhulu ngokuya kumela i-Motherwell.


"Siyavuya sithe sagqwesa apha e-Motherwell, ngethemba lokuba siza kuphumelel. Izikolo eziphumeleleyo ziya kudlulela eMonti, ze ngempumelelo nalapho zijongise e-Rhautini ukuya kumela iphondo khona.

subscribe