I-judo yakha isimilo esihle

Ntombentsha Msutu


I-JUDO ngumdlalo obonakala usoyikeka, kodwa kwabanye abantu ingumdlalo owenza imincili. Abawuthandayo bafuna uwuhlumisa ukuze nabanye abantu bawonwabele.


Oko kutshiwo ngu-Athenkosi Nobhadula owawuqala lomdlalo ngo2010 e-Motherwell. Kwathi wakutshitsha umbutho we-judo e-Motherwell, wazimanya neqela ledyunivesiti i-Nelson Mandela Metropolitan University (NMMU).


"Umdlalo we-judo ndawuthanda ndisaqala ukungena kweliqela lase-NMMU. Ukuba yinxalenye yalomdlalo kundifundise izinto ezininzi.


"I-judo indifundise imbeko, ukuzikhusela nesimilo," utshilo.


Umbutho azilolonga kuwo uthabatha inkxaxheba ekufundiseni abantu ngalomdlalo kwindawo ezininzi kweli lalapha e-Bhayi.


"Singumbutho wase-NMMU sifundisa abantu ukuzikhusela kwakunye nezinye inddi ze-judo. Siye sifundise namabanjwa e-St Albans, sinawo namasebe e-Walmer nase-Dwesi Hall.


"Singumbutho sesisuka eKapa kukhuphiswano i-University Sports South Africa. Kweziveki zigqithileyo besiye kolunye ukhuphiswano eRhawutini," utshilo.


"Ezona njongo zethu singumbutho kukungena nasezikolweni sikhulise umbutho ngoba siyabona ukuba ingayinto entle leyo. Asifuni lomdlalo waziwe sithi sodwa, sifuna ukuwugqithisela kwabanye.


"Ngoba sileliqela siphumelele ukhuphiswano kaliqela, sinazo neembasa esibuya nazo kwezindawo sihamba kuzo," utshilo.


subscribe