I-Emmanuel inegalelo

Ntombentsha Msutu


IZIKO lezempilo i-Emmanuel Haven lizinikele ekuncedeni abantu nabantwana abachatshazelwa nabaphila nesifo sikagawulayo.


Eliziko lisekwe ngonyaka ka 2004 e-NU12, lisekwa ngugqirha u-Mamisa Chabula-Nxiweni. Linendawo ezahlukeneyo ezintandathu.


Yindawo yabantwana abanesifo ugawulayo, yi-clinic apho abantu balanda bafumane khona ipilisi, yindawo ekuplantwa kuyo, yi-step down clinic apho baza kube bencedisana ne-clinics zalapha Motherwell, kunye nendawo yokutyisa abantu abadala.


"Sinezinto ezininzi esizenzayo ukunceda abantu abaphila nalentsholongwane. Sikwanabo nabantwana abahamba kwi-day care yalapha uqala kwibanga 0 ukuya kwibanga lokuqala.


"Abanye abantwana zinkedama, ngelixa abanye baphila nesisifo, ze abanye kubo ibengabantwana abahlukumezwayo," utshilo umphathi wale-project u-Zipho Jam.


Eliziko linayo ne-step down clinic apho bencedisana ne-clinics ze-Motherwell iphela. Sathi soqaphela ukuba i-clinics zalapha ziye zigcwale kakhulu, savula eyethu apho sincedana nabantu abatya i-ARV," utshilo u-Jam


Bakwanalo neziko losasazo lukanomathotholo elavulwa ngonyaka ka 2005. Kweliziko abantu abatsha nabadala baye bathethe babelwane ulwazi ngesifo ugawulayo


"Abantu babenempazamo yokuthi eliziko losasazo lithetha ngezinto zecawe qha. Kanti ke akunjalo sinazo nenkqubo zabantu abatsha ezimnandi abantu abanozimamela.


"Sizama nokufundisa abantu ngokuphila nalentsholongwane. Sifuna bayazi ukuba umntu uyakwazi ukuphila ixesha elide enayo," utshilo u-Jam.


Eliziko likwanabo nabancedisi balo abasebenza ngababantwana abaqeqeshiweyo.


"Kuluvuyo kum ukusebenza e-Emmanuel Haven. Bandinike ithuba lokufunda kwidyunivesthi yase-NMMU apho ndenze khona izifundo z-Ancillary Health Care.


"Ndingumntu othanda kakhulu ukunceda abantu, ingakumbi aba bancinci. Ndilala ndixolilie yonke imihla oko ndaqala ukusebenza apha ngo 2007," utshilo u-Monica ongumsebenzi e-Emmanuel Haven.

subscribe