I-469 igqwesile kumsebenzi wayo

ISHISHINI lokuhlamba iimoto lase NU3 i-469 liphume phambili kukhuphiswano lwamashishini amancinci eMpuma Koloni, i-national small business stars competition, exhaswa yi-Small Enterprise Development Agency (Seda).
Omnye wabantu abaphethe kwelishishini u-Siyabulela Mandla, 30, uthe elishishini labo, elikwi sitalato i-Khozi, liphumelele kuba kubonwe ukuba lingakwazi ukhula.
“Ishishini lethu alohlukanga kakhulu kwezinye iindawo ezihlamba iimoto. [Kodwa umehluko ngowokuba] thina sizingca ngomsebenzi wezinga eliphezulu,” utshilo u-Mandla.
Elishishini lixhaswa nayi-Motherwell Urban Renewal Programme (MURP), linabasebenzi abasixhenxe.
“Sifuna ukuveza amathuba emisebenzi, sikhuthaze nezoshishino kulutsha.
“Sifuna elishishini lethu libe yi-franchise kwiminyaka ezayo ukwenzela nabasebenzi bethu nabo babe namashishini abo.”
I-469 iphumelele i-R15000, i-laptop, kunye ne-R130000 eyi-voucher yakwa Seda.
Kunyaka ophelileyo elishishini laphumelela i-South African Breweries (SAB) Kick Start Programme ephondweni, apho bazuza i-R110000 nje ngebhaso.
“Sibiza i-R35 ukuhlamba imoto, ngaphandle kokupolisha amavili nezinye izinto.”
U-Mandla uyinjineli e-Visteon SA Entrepreneurship. Abanye abaphathi belishishini ngu-Lisa Thukani kunye no-Zola Tengile.

Leave a Reply

Please keep in mind that comments are moderated according to our comment moderation policy. Your email address is required but will not be published.