Batshintsha ubomi kwingingqi entsha

UKOYIKISELA imiphefumlo yabo kwenza usapho lakwa Goba lushiye ikhaya lalo kwaZakhele labhekisa e-NU5 ngo-1988.


Emva koba u-Nomathamsanqa, 60, eswelekelwe ngumnyeni kunyaka ophelileyo usale nabantwana abathandathu u-Lulama Lalo, 35, u-Sinethemba Goba, 33, u-Babalwa Napo, 31, u-Unathi Lalo, 29, u-Nolitha Goba, 26, kunye no-Vukile Goba, 25. Ukwanabo nabazukulwana abathathu – omnye wabo sele enze iintengiso zika mabonakude zakwa Kellogg’s kunye neze-Dettol.


"Semka kwaZakhele kuba ummelwane wethu wayelipolisa le-apartheid efunwa ngabahlali.


"Sasihlala sisoyika ukuchaphazeleka. Ndikhumbula umhla kwatshiswa isizalwane sakhe – kwakungekho kwamntu ekuhlaleni owaye vumelekile ayomvelela.


"Kodwa safika samandelwa apha [e-Motherwell] kuba abamelwane banobubele. Asiyi kwandawo,” utshilo u-Nomathamsanqa.


Wongeze ngelithi ukuswelekelwa ngumnyeni zange kubelula.


"Sadibana esikolweni kodwa into yethu yaqina xa ndisedyunivesi, satshata ngo-1977.


"Wayenothando endiphethe kakuhle. Sohlulwe kukufa nangoku,” utshilo.


U-Nomathamsanqa usebenze njengetitshala iminyaka engamashumi amathathu anethoba ukubeka kwakhe iceph’ entla ekupheleni kwenyanga esisuka kuyo, ngelixa bonke abantwana bakhe besebenza.


U-Sinethemba wenza amajikazi, u-Lulama ngumculi wezomoya (ucula no-Benjamin Dube), u-Babalwa ucebisa abantu ngendlela yokuziphatha, nonxibae-Goli, u-Unathi usebenza kwindawo yezikhalazo yakwa-Nedbank – ukwanalo neshishini lakhe, u-Nolitha uneshishini lakhe eliphuhlisa ulutsha, aphinde ajongane neshishini lika tata wakhe lamatye emingcwabo, ngelixa u-Vukile engumncedisi kwa-HRSC.


"Qho xandiguqa ndithi Thixo naba abantwana bakho. Sibakhulise babazi abantu kwaye bahloniphe. Wonke umntu omdala abengumzali kubo,” utshilo u-Nomathamsanqa.


Ngabazali bakhe u-Nolitha uthe: "Bayinto yonke kuthi. Akukhonto singakwaziyo ukuyithetha nabo nangokuya utata ebesekhona bekunjalo. Basikhulise kamnandi.”

subscribe