Bancede bafezekise iphupha

BAZAMILE, kodwa umnqweno wabo wokuba nendawo yokusebenzela awuka fezekiswa.


Kambe isidingo sabo asibatyhafisanga ekwenzeni umsebenzi wabo wokunceda abo baphila nentsholongwana kagawulayo.


'Ikamva Lelizwe' lasekwa ngo-2010, laqala limalungu amashumi amathathu anesibini. U-Masumpa Ramohlei, ophila nesi sifo, wongamele.


"Eyona nto eyandenza ndiqale eliphulo kukubona izidingo, nendlela abantu abaphila nogawulayo abaziphethe ngayo. Ndahlupheka kakhulu emphefumlweni, ndaseka iqela elixhasanayo. Emveni koko, sabhalisa ngokusemthethweni," utshilo u-Masumpa.


"Ukuqala kwethu sasisebenzela kwicawa ese-NU10, kodwa saphela siyeka ukusebenzela apho. Siphinde sasebenzisa indlu ekwalapha e-NU10, nalapho indawo yaye yasiphelela ekuhambeni kwexesha.


"Ndithetha nje, sisebenzela endlini yomntu e-NU11, nalapho umsebenzi wethu awuhambi kakuhle ngoba indawo asiyiyo eyethu. Ukuba sinokufumana nokuba ngumhlaba apho sinokuvula indawo yokusebenza, kwaye senze nesitiya khona singaxola," utshilo. Amalungu eliphulo asebenza ngezandla. "Izinto esizenzayo zihamba ngokwemfuno zabaxhasi bethu. Kodwa ukungabi nandawo kuchapazela ingeniso yethu. "Amalungu ombutho adinga uqeqesho, ukuze sikhule."


Injongo yalombutho kukunceda abantu abaphila nentsholongwane kagawulayo bafunde ukuziphilela.


"Ndifuna abantu bakwazi ukusebenzisa izakhono abanazo."


subscribe