Baluncedo nangona kunzima

Ntombentsha Msutu


IMASIPHATHISANE Day Care Centre yindawo eluncedo kakhulu ebantwini abangathathi ntweni baseRamaphosa kodwa nabo bayaludinga uncedo lokuphuhlisa lendawo.


Yasekwa ngomnyaka wama-2003 phantsi komama UThomsane Nyondo. Ukuqala kwabo ukuvula baqala ngokupheka isuphu ukuncedisana nabantu abatya i-treatment yesifo sephepha.


Yakhula yanamacandelo amaninzi, ekukhuleni kwayo kuye kwakhona neengxaki abahlangabezane nazo kuba ingingqi abakuyo inabantu abasokola kakhulu.


Kodwa bona baye bazama ukunceda apho baphumelela khona nangona bengasoze bakwazi ukwenza oko kungekho mali yaneleyo.


Kunyaka ophelileyo bebengabanye babantu abawelwa ngumqa esandleni ngokuthi nabo bayeyingxenye yabantu abafumana izipho kwi-Rotary Club, neyingxenye ye-Tree of Joy.


Apho baye bachonge iindawo ezincedisana nabantu abasokolayo ekuhlaleni ngokuthi babanike izipho kuleKrismesi.


UThomsane Nyondo uthe: "Kunyaka ophelileyo safumana ii-toys zabantwana, impahla kunye nezinye izinto. Kulonyaka asizazi silindele ntoni sakubona xa besiza nazo."


Njengabo bonke abantu abazamela abantu basekuhlaleni, nabo bayaludinga uncedo ukuze bakhule.


"Ikakhulu okwangoku eyonanto iphambili kukuxhaswa ngoba ngoku qho xa kuphela unyaka apha ootitshalakazi ababhatalwa ngoba imali ayibikho.


"Isizathu soko kukuba abantu bayekisa abantwana kwango-October bangazi esikolweni ukuze bangabhatali.


"Enye into esiyinqwenelayo kukwakhelwa ngoba apha akukhomanzi kwaye alikho negumbi langasese, sisebenzisa amabhakethi. Kwalendawo sikuyo incinci abantwana abadlali ngokwaneleyo," uNyondo utshilo.


Enye ingxaki yeyokuba abakwazi nokuphekela abantu ababaphekela isuphu ngoba kutya nako kunamaxesha kuphele.


"Sityisa nabantu abanesifo sephepha, nabo bachaphazeleka sisifo ugawulayo, kodwa ngoku ngenxa yokungqongophala kokutya kunzima nokwenza lonto.


"Kungoba sixhomekeke ku-Operation Hunger ofika kabinin enyangeni. U-Shoprite yena ufika kube kanye.


"Singavuya kakhulu nokuba sinokufumana inkxaso noba injanina asisadingi mali ngoku sidinga nje ukuncediswa."


Umntu onomnqweno wokunceda nangantonina aphumelela kuyo angadibana nomama uNyondo kulenombolo 082-485-3461.

subscribe