Bachongelwe ukumel'izwe kwakhona

ABADANISI ababini abantsundu baseBhayi baphinde bazenza ibhongo lesizwe ngokuthi bachongelwe ukuya kumela uMzantsi Africa kukhuphiswano oluza kube luqhutyelwa Engilane kulenyanga Izayo.


Ababini base NU2 u-Maqocwandile Cuba ominyaka oyi-13, kunye no-Amile Skepe (12) abadanisela i-Ndoni Dance Academy ngabo abaza kuntingela eNgilane kulo mnyhadala womdaniso owaziwa njenge Junior Black Pool Dance Festival.


Abaqali ukugqwesa, kuba nangonyaka ophelileyo yayikwa ngabo e-Paris nalapho babe kwamele izwe labo kukhuphiswano lwe-Dance Council.


"Kulonyaka siyaphinda kwakhona siya Engilane, kwaye ndiyavuya kakhulu ukufumana ithuba lokubona amazwe ngamazwe. Ngoku siyawazi umgangatho welacala, sinethemba lokuba noko siza kuzama simele into yethu," utshilo u-Cuba.


Iqela lomdaniso iNdoni Dance yasekwa ngu-Thembinkosi Ndoni, ngo-2002, isungulwa ngamalungu amashumi amane anesihlanu. Kungoku nje octleliqela limalungu amashumi amane anesibi.


"Kubaluvuyo kum ukubona ukuba noko umahluko ndiyawenza ekuhlaleni, kwaye ne-Academy yam iyakhula. Nangoku sibanazo ne-workshops kwizikolo zalapha e-Motherwell, sifundisa abantwana indidi ngeendidi zomdaniso,"utshilo u-Ndoni.


Nangona bewahambile amazwe aliqela, kambe enye yengxaki abaye bahlangabezane nazo yimali, ngoba ukuhambela kulamazwe kuyabiza kanobom.


"Singavuya kakhulu ukufumana inkxaso ebantwini, athi onako alahle obo buncikane anobo kwibhanka i-Nedbank phantsi kwe-Ndoni Dance Art Academy, inombolo ye-account ithi 1016994354 i-branch code ithi 12122009. Sicela okwaziyo ukusinceda asixhase," utshilo u-Ndoni.


subscribe