Amasela azidaphele

Ntombentsha Msutu


LIBUYE lagqojw' elingophiyo kwakho ithala lencwadi eMotherwell emva kokuba inkuntsela zamasela ziqhekeze zaze zeba ubuxhakaxhaka beecomputer, kungentsuku zatywala ziqale iimviwo zezikolo ngoJune.


Umbiko uthe zintlanu iicomputer ngokunjalo nezibuko zazo ezintshontshwe ngalamatutu. Elithala lencwadi lisetyenziswa yi-Motherwell yonke kuba ililo kuphela kulengingqi.


Ngenxayesisihelegu, kuye kwanyanzeleka khe livalwe okwethutyana ukunika amapolisa ithuba lophando, utshilo ongumsebenzi apho u-Marrianne Terblanche. Uthe asikuko okokuqala kusehla oku kwaye kubuhlungu kuba abantu bayawadinga amathala eencwadi ingakumbi e-Motherwell.


"Siziva sibuhlungu ngoba kokwesithathu beqhekeza kwelithala, kwaye bathatha ezona zinto zibalulekileyo kubantu ekuhlaleni," utshilo u-Terblanche.


Elithala alinabo onogada ebusuku.


"Abantu balisebenzisa kakhulu ithala lecwadi ingakumbi, ngoku kuzabhalwa iimviwo, kwaye ne-Computers ezi zithathiweyo zezona zidingekayo, ziluncedo,," utshilo u-Terblanche.


subscribe