Abazali bancedis'isikolo

Ntombentsha Msutu


ABAZALI babantwana besikolo samabanga aphantsi esise NU9 Ifumisukoma bahlangene bagqiba ekubeni bacoce isikolo sabantwana babo zingekavulwa izikolo.


Unqununu u- Mgucu wesisikolo uvakalise uchulumanco ngomsebenzi omhle kangaka owenziwe ngabazali.


"Isikolo siyavuya kakhulu, kangangokuba ngase bonke abazali bathabathe inxaxheba ekuqinisekiseni ukuba isikolo sabantwana babo sicocekiloe ngawo onke amaxesha Kuluvuyo kum ukubona abazali abakhathala kangaka," utshilo u-Mgucu.


Omnye wabazali u-Nomthandazo Sompondo uthe lento bayenzileyo wayibona isenziwa Kwazulu Natal, waze wacinga ukuba into entle iyakotshwa, wathetha nabazali ukuba benze lomsebenzi.


"Indawo esinga khange siyicoce ngamagumbi angasese qha, kuba bekhona oomama abaqeshelwe lonto, kodwa ke wona amagumbi okufundela siwacoce onke, sifuna abantwana bethu ngoluya suku lokuqala lokubuyela esikolweni bathathe ngongena emagumbini bafunde.


"Kwaye siye sagqiba ukuba lento yinto esiza kuyenza qho ngolwesiHlanu, kwaye asifuni ukubhatalwa ngalonto, nezixhobo zokucoca zikhona khange sisokole," utshilo u-Sompondo.


Wongeze nangelithi iyamvuyisa indlela abasebenzisene ngayo, lonto iye yabonisa ukuba, xa abantu bedibene basebenze ngobunye iziphumo ziba zihle.

subscribe