Abahlali bamis'iphulo lokuthintela ungcoliso


UNGCOLISEKO lwamathafa lusenziwa ngabantu abalahl'inkukuma ngoku ngekho mthethweni yenye yeengxaki abahlali base-Motherwell abaqolozelene nazo ngoba olungcoluseko luphinda lwenze iizifo kuluntu oluhlala kufuphi kulamathafa.


I-NU1 yenye yeendawo ezinalamathafa kulahlwa kuwo inkukuma, kwaye ngumkhubaekucaca ukuba uya uxhaphaka ngoba abahlali bade bathi abantu bavuka nasebusuku xa bethekelela ukuba abantu balele, barhuqe iimigqomo yabo abayinikwa ngu-Rhulumente baye kuyichitha kulamathafa.


Omnye wabahlali abakhalazayo ngalengxaki ngu-Nozinzo Gcakazi ohlala kwisitalato i-Gogo, nothe abantu bayayinikwa iimigqomo kwaye iyalandwa yiloli yakwamasipala rhoqo ngo-Lwesibini kusasa ngentsimbi yesixhenkxe, kodwa abantu bayaqhubeka nalomkhuba.


"Into endiyiqapheleyo ngoku kukuba bavuka nango 1 ekuseni barhuqe imigqomo baye kuyichitha kwelithafa. Ngamanye amaxesha ufumanise ukuba abanye babantu umntu ude asuke nge-van endlini yakhe ayye kulahla inkukuma kwelithafa. Ngoku ndihleli nje ndigadene nabantu abaza kwelithafa ndizokunqanda," utshilo umama u-Gcakazi.


Abahlali balendawo bade baqokelelana bazithengela iimpempe, ukwenzela xa bebone abantu belahla inkukuma kulamathafa babizane ngazo ngeloukunqanda abangcolisa amathafa.


Omnye wabahlali u-Nobuntu Dinge ngomnye wabahlali abazimisele ukuwulwa lomkhuba.


"Lento yolungcoluseko isiphathela nje izifo, ngoba kaloku ivumba eli liphaya liza apha ezindlini kwaye alinyamezeleki, kwaye asizivuli ifestile ezindlini zethu. Enye into abantwana bethu badlala kuwo lamathafa, bachole zonke izinto ezimdaka kuba kaloku akhonto ingalahlwayo.


"Kulahlwa nezinja ezifileyo, abantwana bethu bachola nee-condoms kulamathafa ezimdaka badlale ngazo. Umasipala uyalicoca elithafa kodwa abantu baphinde balahle. Siyabacela abantu bahlukane nalento, ngoba iyasilwisa singabahlali," utshilo umama u-Dinge.


subscribe