Abahlali bacoce ikliniki

Ntombentsha Msutu


ABAHLALI base-NU8, bebambisene nekomiti yasekuhlaleni kunye nekliniki yalendawo, badele ingqele ngexa bephuma ngobuninzi uyokucoca le klinki.


Benze oku ngenjongo zokubonisa umanyano nobuntu ngenyanga yokuzalwa eyowayesakuba ngumongameli weli, uNelson Mandela.


Unobhala wekomiti, uLihle Kondile, uthe imbangi yoku bakwenzayo kungoba uMandela ubafundise lukhulu ngokubumbana.


"Sifuna ukunceda apho sifikeleleka khona ngoba ukunceda abantu yayiyeyona nto uTata wethu wayeyixabisile.


"Namhlanje izakuba yimini yokucoca le klinki. Sizaku coca ukhula eyadini, sichole namaphepha kwaye sihlambe neefestile.


"Sinayo negadi apha efuna ukuncothulwa ukhula.


"Legadi siyiqale ngeenjongo zokunceda abo bangathathi ntweni, bamane besiza apha ekliniki ukuze sibaphekele isuphu umntu abenento ayityayo phambi kokusela iipilisi," uKondile utshilo.


Osebenzela isebe lezempilo, uPolisa Rune, nobencedisa ukucoca, uthe enye indawo abazakuyicoca lithafa ekulahlwa kulo inkunkuma.


"Nalendawo abantu balahla kuyo inkunkuma ngokungekho semthethweni ifuna ukucocwa ngoba isondele apha ekliniki, kwaye ibeka uluntu esichengeni sokusulelwa ziindithi zezifo.


"Kudala abantu bebongozwa ngokulahla inkunkuma, kwaye sizamile nokufundisa abantu ngobungozi bayo," uRune utshilo .


subscribe