Abadanisi bajongise phesheya

Ntombentsha Msutu


ISIBINI saseNdoni Dance Academy eseMotherwell simenyiwe ukuba masiyomela uMzantsi Afrika kunyaka ozayo kukhuphiswano lomdaniso olubizwa ngeTimes Cup eTaiwan, eBeijing, kunye naseSingapore.


ULuthando Matole ominyaka elishumi elinesithandathu, kunye nogxa wakhe uOthandwayo Gqamane ominyaka elishumi elinesithathu bazimisele emdanisweni.


Baye bachongwa emveni bephumelele ukhuphiswano lomdaniso weballroom obelubanjelwe eKapa.


UMatole, ongumfundi wesikolo samabanga aphezulu, iDouglas Mbopha, uthe ebezilolonga ngokuzimisela emdanisweni kuleminyaka mibini igqithileyo.


"Ndiqale ukudanisa noOthandwayo kwinyanga edlulileyo kodwa siye saphumelela, kwaye ndothukile ukuba masimenywe siyokudanisa eTaiwan," utshilo uMatole.


UGqamane uthe ukuqala kwakhe ukudanisa kwiinyanga ezintathu ezagqithayo waya nje eyokujonga ukuba kunjani.


"Ndiziva ndichulumancile kakhulu ngoluhambo, kwaye ndiyavuya sithe saphumelela," utshilo uGqamane.


Abadanisi abaphakathi kweminyaka elishumi elinesithathu uyokutsho kwelinesihlanu abasuka kuleAcademy baye bathathe inkxaxheba kumakhuphiswano omdaniso rhoqo ngemigqibelo.


Owaqala leAcademy uThembinkosi Ndoni uthe uyavuya kakhulu ukuba abantwana bakhe bamenywe ukuba mabayodanisa phesheya.


"Amathuba anjena asivulela iminyango nakwezinye iindawo. Siyavuya kakhulu ukuba sizatsho sifunde isingqi somdaniso sakwenye indawo, ngoba sihleli sisiya eEurope amaxesha amaninzi kwaye phaya kwelacala isingqi somdaniso sixhomile.


"Sikwanalo nethemba lokuba noko kwelityeli sizakubuya nalo udumo," uNdoni utshilo.


Elona xhala bajongene nalo okwangoku yingxaki yemali. Bazakudinga imali engange R95500 ukubhatelela oluhambo, kunye nendawo yokuhlala.


"Ndithetha nje nawe ndiqokelela amaphepha, ndizakuhamba ndinkqonkqoza ndicele amalizo. Kodwa ukuba kukho umntu onakho ukunceda agenza njalo ngokuthi asifakele imali ebhankeni.


" Ibhanka yethu nguNedbank, phantsi kwe Ndoni Dance Academy, iAccount number ngu-2005435198," uNdoni utshilo.

subscribe