Izisombulolo zengxaki zixhomekeke emalini

Abantu abanengxaki nemibhobho evalekileyo bangenza njani?


Nabanina onalengxaki angayokuyibika kumasipala okufutshane kuye, okanye atsalele umnxeba simahla kule nombolo, 080-020-5050 apho ayakunikwa i-reference number kuthunyelwe neloli izokulungisa longxaki.


Omnye umbuzo oxhaphakileyo kubahlali ngowomba wokulungiswa kwezindlu?


Asikabinayo thina i-budget epheleleyo, kwaye impendulo iye ithathe ixesha, kodwa ngenxa yokungxama kwabantu siphinde safaka esinye iscelo, sisalinde lompendulo.


Enye ingxaki abahlali abanayo yeyendlela ezinemingxunya, ukuba zizakulungiswa nini?


Nalapho asikabina mpendulo ipheleleyo, sisalindele uhlengahlengiso lwe-budget, apho sakuthi siyazi ukuba sofumana malini, soqala ngoko ke ukulungisa ezindlela ziyingxaki.

subscribe