Ivumba liza nengulo

Ntombentsha Msutu


SEKUPHELA inyanga abahlali benyamezele ivumba lelindle elidame kwizindlu zabo zangasese.


Lengxaki ibangela nokuba kubenzima nokusebenzisa amagumbi angasese. Zizindlu ezisixhenkxe kwingingqi enye eziye zachaphazeleka kulengxaki kwaye lonto ibangela ivumba elinuka isanqanga.


Abahlali abahlala kufutshane kwezizindlu bayachaphazeleka nabo kuba lamanzi aye ahambe ayokungena kwii- yadi ezikufuphi.


Omnye wabahlali okruqukileyo lelidama uNophumzile Antoni uthe bazamile ukuqhagamshelana noceba kodwa oko akuzange kuncede.


"Sizamile ukuya kwi-ofisi zikamasipala kodwa kuthiwe phaya ukuze zikwazi ukuza iloli ezilungisa lengxaki, kuzokufuneka imvume kaceba wakwa ward-54 .


"Uphendule ngelithi akazokwazi uzisa iiloli zakwamasipala e-NU11, ngoba abantu bakulendawo bangazitshisa ezololi. Uthe bamtshisela indlu kwaye batshisa nemoto yakhe.


"Esikufunayo qha kukuba masilungiselelwe lento ngokuba ngoku kubashushu kubenzima nokuvula ifestile," uAntoni utshilo.


Isithethi sikamasipala, uKupido Baron, uthe abantu abanalengxaki kufuneka bayise ngaphambili kooceba bengingqi abahlala kuzo.


"Ukuba umntu uye wachaza ingxaki yakhe kuceba wakhe ze ayibone lonto ayiyi ndawo kumele batsalele umnxeba kulenombolo, 0800-205-050.


"Kulapho bezakufumana khona uncedo. Kuhlala kukho umntu onokubanceda ngengxaki yezindlu zangasese ezingasebenzi kakukhle, ngawo onke amaxesha," uBaron utshilo.


Usihlalo we-SANCO uSiphiwe Dayimani wongeze ngelithi kudala lengxaki ikhona kwaye iya isanda.


"Singabahlali kudala sinalengxaki sifuna uncedo kwaye ngamalungelo ethu ukuba sifumane iinkonzo zethu kwaye uceba ubekelwe ukunceda abantu basekuhlaleni.


"Ukuba makathi akazokwazi ukunceda abantu base-NU11 ngenxeni yokuba bamtshisela indlu kunye nemoto yakhe – ithi lonto makahlale phantsi adedele abantu abafunayo ukunceda uluntu bathathe indawo," uDayimani utshilo.


subscribe