Bajongise phesheya


BAZAKUNYUSA inqanaba lesizwe ngethuba bentinga besiya kukhuphiswano lomdaniso olubizwa World Dance Council e-Paris ngalenyanga sikuyo.


Ababini base-NU2 u-Maqocwa Cuba, ominyaka elishumi elinesithathu, kunye no-Amile Sikepe, ominyaka elishumi elinambini, abadanisela i-Ndoni Dance Art Academy, banemincili luhambo oluzayo.


"Ndonwabe kakhulu nangoku andikayikholelwa ukuba ndizakuya phesheya, ingathi iseliphupha yonke lento,"utshilo u-Cuba.


Le-Academy isekwe nguThembinkosi Ndoni ngo-2002. Ngelothuba, yayinamalungu amashumi amabini anesihlanu. Kungoku nje le-Dance Academy inamalungu amashumi amane anesibini.


"Ndiyavuya kakhulu sithe safumana ithuba lokuhamba siye e-Paris, ndigcwele yimincili nje ngokuba olukhuphiswano laqalwa ngo-1920.


"Kuyaqala ukuba kho abantwana abamnyama abasuka eMzantsi Afrika baya kumela ilizwe.Sizakube sikhuphisana nabadanisi abamashumi amabini anesibini,"utshilo u-Ndoni.


Olukhuphiswano luzabanjelwa e-Paris luzakuxabisa amawaka amashumi amahlanu erandi. Abadanisi inkxaso bayifumene kusodolophu.


Kodwa ibali lwesisibini aliphelelanga apho. Ababadanisi basadinga inkxaso kuba bazakubhekisa e-Blackpool eNgilane kunyaka ozayo. Badinga amawaka angamashumi amane anesihlanu erandi.


"Ngomhla we-22 ka-October sizabe sine gala dinner apha e-City Hall sizama ukwenza mali eyaneleyo.


"Kwaye sicela nabanina onakho usinceda enze njalo kwisebe lebhanka i-Nedbank, phantsi ko-Ndoni Dance Art Academy, inombolo ye-account ithi 1046994354, i-branch code ithi 12122009.


"Sicela okwaziyo nonomnqweno wokusinceda, asixhase,"utshilo umdanisi onemincili u-Ndoni.


subscribe