Ubuchule bubeka isonka etafileni


NANGONA ukwenza iintsimbi zesiXhosa ingakhange ibe yinto akhule ngayo, namhlanje yinto atya ngayo.


U-Nozimasile Mashini, ominyaka emashumi mahlanu anesithandathu, uliqale elishishini ngo-1997 e-NU10.


"Ukuqala kwam elishishini ndandithengisa ezintsimbi zingenziwa ndim, kuba ndandingakwazi ukuzenza.


"Ndiye ndafundiswa ngumama ongasekhoyo owayebizwa ngelika-Magatyeni, ndaphela ndikuthanda ukwenza iintsimbi zesiXhosa," utshilo u-Mashini.


Ivenkile yakhe yaqala isisikroxo esithengisa yonke into, kodwa ekuhambeni kwexesha iye yanendawo engathi iyabhanga.


"Ivenkile yam iya iphela ngokuphela kuba ndiye ndiphelelwe nasistoko amaxesha amaninzi, kodwa ezintsimbi ziyandiphilisa. Sele izizo ngoku ezindityisayo.


"Zisekhona nezinye izinto ezincinci endisazithengisayo, kuba kulemali yentsimbi ndiyakwazi ukucaphula ndithenge istoko salevenkile,"utshilo u-Mashini.


Ezintsimbi zinamagama namaxabiso ohlukileyo.


"Amagama ezintsimbi ndizenzayo: li-rhase, ibhanti lasesinqeni, imibhobho, ichankcase; nenqawa nenduku ndiyazirhasa, kodwa aziphelelanga apho.


"Amaxabiso azo ke nawo ayohluka, xandisenza ezamagqirha iintsimbi ndiye ndizenze ziyiseti ndiyibize i-R1600 iyonke. Ichankcase lona yi-R250.


"Ispeliti sona sibiza i-R15, iyamiso yona ndiyibiza i-R280, intsimbi yotata yasentloko ibeyi R85,"utshilo u-Mashini.


U-Mashini uneminqweno yokubona ishishini lakhe likhula, kuba lilo eliza nesonka etafileni.


"Umyeni wam akaphangeli kuba engumntu ongenampilo. Nomama naye akanampilo, ndiyakwazi ke ukubasa bobabini kogqirha ngalemali yam ndiyifumana apha kwelishishini lokwenza iintsimbi zesiXhosa," utshilo u-Mashini.


subscribe