Intliziyo yonced'uluntu

UKUQAPHELA intsokolo yeqela labantu abangathathi ntweni eMotherwell yaba sisizekabani sokusekwa kwequrmhu i Human Heart Service Organisation (HHSO). Lombutho ongengowanzuzo (non profit) wasekwa ngo2010 ngamalungu amathandathu phantsi kotata onenkathalo ngabantu u-Zamile Futha e-NU12.


Ebalisa, ubaw'u-Futha uthe wabona uxinzelelo abantu abaphila phantsi kwalo.


"Ndaba nephupha lokunceda abantu bakuthi emveni kokubona indlela abasokola ngayo. Ngeenceba zikaMdali, ndaye ndafumana ithuba lokwenza uqeqesho apho ndandilolongelwa ukuba yindlebe kwingxaki zabantu. Ndathi ndokuyigqiba lonto, ndafumana ithuba lokufezekisa iphupha lam," utshilo u-Futha.


I-HHSO iqale ngokuthi ipheke isuphu inceda abo babengenako okusiwa phantsi kwempumlo. Ikwasebenze nabo, nabo baphethwe sisifo sikagawulayo, yaphinda yanephulo apho amalungu ayo andwendwela amakhaya ezama ukulungisa imitshato eqhawukayo.


Kunyaka ophelileyo i-HHSO ivule indawo yabantwana.


"Kubaluvuyo kakhulu ukunceda umntu, kwaye kubekho nabantu abawubonayo umsebenzi wethu esiwenzayo ngoba sisebenzisana nabantu abaninzi. Siye sithethisane nabantu abahlukunyezwayo," utshilo u-Futha.


Ekusunguleni kwabo lendawo yabantwana, bebenabantwana abamashumi asixhenkxe anesihlanu kwibobosi elise-NU12. Kodwa ngenkxa yemeko, baye bafuduka.


"Ngo-Novemba siye saza apha endlini yam enamagumbi amane, kwafuneka ndabelane ngalamagumbi kunye nabo abantwana, sisebenzisa amagumbi alapha endlini okulala. Sabona ukuba baninzi abantwana abanabazali abangaphangeliyo, abangakwaziyo ukubasa kwi-creche ezibhatalisayo," utshilo.


"Ngenxa yokusokola kwalombutho abazali bagqiba ekubeni bakhuphe noba yi-R50 ukunceda ukuthenga umbane, kunye nokubhatala amanzi. Kodwa naleyo imali ayonelanga zonke iimfuno zabantwana," utshilo.


"Sithetha nje sinotitshalakazi abathathu abaye baqeqeshwe ngu-Early Inspiration iinyanga ezintathu. Bangakwazi ukuya kufundisa u-Grade R," utshilo u-Futha.


"Sifuna abantwana batye ukutya okusempilweni, kwaye singavuya uku ba sinokuncedwa lisebe lezemihlaba ekufumaneni umhlaba – lelinye lamaphupha ethu elo singumbutho,"utshilo.


subscribe