I-Skhokho Records ifuna udumo


IIMVUMI ze-Skhokho Records zinamaphupha okuzibona zingosaziwayo.


Eliqela lomculo we-kwaito, i-GMP’s, linamalungu amane: u-Siyabulela Busakwe, 18; Chumani Mantile, 16; Sakhumzi Ndlakuse, 17; kunye no-Siphosethu Royi, 18.


I-Skhokho Boys ecula i-hip-hop inamalungu amabini: u-Bonginkosi Gala, 16; no-Anele Jacobs, 16. Kukho nowasetyini ocula i-hip-hop, u-Nwabisa Mlozana, 19, owaziwa nje ngo "Sincere” ngezinye iimvumi ze-Skhokho.


Umphathi wezimvumi zisakhasayo u-Thamsanqa Mhlobiso, owaziwa nje ngo "Tee-Man” okanye u "Joe-Jo”, uthe uzakuqinisekisa ukuba iimvumi zakhe ziyayingcamla impumelelo.


"Sifuna ukufana ne-Kalawa Jazzme. Ndihamba nabahambayo,” utshilo u-Tee-Man.


U-Sincere uthe bazakuphumelela ngokuba baxhaswa ngabantu abadala.


"Abazali baka Joe-Jo bayasixhasa,” utshilo.


"Yeyonanto isenza siqhubekeke nomculo. Kukho u-line apha akudlalwa.”


Ezimvumi zineengoma zolwimi loluntu isiXhosa, nezinye zeSingesi.


U-Bonginkosi uthe: "Sifuna ukuphumelela nathi sifane neemvumi ezinje ngo-Pro.”


subscribe